IsiXhosa 1996 (XHO96)
120

Ukucela uncedo

Iculo labahambi.

1201Ndazibika *kuNdikhoyo ndixhwalekile;

yena wandiva, wasabela.

2Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule

kumaxoki nakubakhohlisi.”

3Nithi makenze ntoni ngani uThixo?

Nisalindele ntoni eyenye, maxokindini,

4ngaphandle kotolo lwemfazwe olubukhali,

ngokunjalo neziko elimalahle avuthayo!

5Athi ke mna, mnt' ubhacele kwaMesheki,

mna mntu uxhwarhe phakathi kwamaKedare!

6Kunini ndihlalele ukungcuchalaza

phakathi koompayipheli.

7Phi ke, ndisithi nje ndakuthetha,

basuke bahlab' umkhosi.